Debian Codegraph @

langclass/ShortTexts/xh.txt

raw
1 INKCAZO‐JIKELELE NGEEMFANELO ZOLUNTU
2 ISINGENISO
3 Njengoko iimfanelo zesidima soluntu semvelo kunye neemfanelo zoluntu‐jikelele olungenakunikelwa olusisisekelo senkululeko, ubulungisa noxolo emhlabeni.
4 Njengoko ukungananzi nokudelelwa kweemfanelo zoluntu ezingunobangela weziphumo zobukrwada ezithi zibangele ingcwangu kwisazela soluntu, kunye nesiqalo nokufika kwelizwe apho uluntu luza kuxhamla ukuthetha ngokukhululekileyo, inkolo nenkululeko engenaloyiko kunye neemfuno ezazisiweyo njengeminqweno yoluntu‐jikelele.
5 Kwananjalo kubalulekile ke ngoko, ukuba umntu anganyanzeliswa ukufumana uncedo, okwetyeli lokugqibela, ukuchasa ubundlobongela nengcindezelo, kuba iimfanelo zesidima sobuntu mazikhuselwe ngolawulo lomthetho.
6 Njengokuba kubalulekile ukukhuthaza kokwandiswa kobuhlobo nemvisiswano phakathi kwezizwe.
7 Njengoko uluntu Lwezizwe Ezimanyeneyo luthe lwaqinisekisa kukubaluleka kweemfanelo zesidima soluntu, oku kuxabiseka kwesidima nokuxabiseka koluntu nakwiimfanelo zamadoda namakhosikazi, bathe bazimisela ukukhuthaza inkqubela yezentlalo nomgangatho obhetele kwimpilo yoluntu ekhululekileyo.
8 Njengoko amalungu obuRhulumente kunye nawezizwe ezimanyeneyo azimisele ukukhuthaza intlonipho yoluntu‐jikelele nokuqatshelwa kweemfanelo zoluntu nokubaluleka kwenkululeko.
9 Njengoko iimvisiswano zesidima soluntu nenkululeko yoluntu zibalulekile ukuze kuzuzwe esi sithembiso,
10 NGOKU‐KE NGENXA YOKO,
11 Intlanganiso‐jikelele
12 Yazisa ngale nkcazo‐jikelele engeemfanelo zoluntu ezikumgangatho oqhelekileyo wokuphumeza abantu bonke kunye nezizwe zonke, kude kube sekugqibeleni nokuba wonke ubani nakunye nemibutho yoluntu, ekufuneka igcine le nkcazelo, izame ukufundisa nokuqeqesha ukukhuthaza intlonipho yezomfanelo zoluntu nenkululeko, neendlela zenkqubela phambili, kwisizwe sonke nakumazwe angaphesheya ukuze kukhuseleke ummiselo‐jikelele nokuqapheleka, uqwalaselo, phakathi koluntu lwamalungu oburhulumente ngokwawo, kunye nabantu bezizwe ezibaphetheyo.
13
14 Inqaku loku‐1
15 Bonke abantu bazalwa bekhululekile belingana ngesidima nangokweemfanelo. Bonke abantu banesiphiwo sesazela nesizathu sokwenza isenzo ongathanda ukuba senziwe kumzalwane wakho.
16
17 Inqaku lesi‐2
18 Wonke umntu unamalungelo kwiimfanelo nenkululeko eziqulathwe kule nkcazelo, ngaphandle kokwahlulwa ngobuhlanga, ibala, ubuni, ulwimi, inkolo, ezopolitiko nezinye izimvo, ezesizwe okanye ezentlalo, ezokuzalwa okanye namanye amawonga.
19 Ngaphezu koko, akukho mahluko unokwenziwa usekelwe kwezopolitiko, ulawulo lwezobulungisa okanye amawonga ezizwe nezizwana okanye ummandla apho umntu akhoyo, nokuba uzimele, ukuthembeka, urhulumente ongazimelanga okanye nokuba zeziphi indlela zokunciphisa ulawulo lobukumkani.
20
21 Inqaku lesi‐3
22 Wonke umntu unelungelo lokuphila, inkululeko kunye nokhuseleko.
23
24 Inqaku lesi‐4
25 Akukho namnye oya kugcinwa ebukhobokeni nakukhuselo lomnye umntu, kanti urhwebo ngamakhoboka aluvumelekanga nangayiphina indlela.
26
27 Inqaku lesi‐5
28 Akukho namnye oyakuphathwa gadalala, ngenkohlakalo, ngokungenabuntu okanye ngempatho eluhlazo okanye isohlwayo.
29
30 Inqaku lesi‐6
31 Wonke umntu unelungelo lokwamkelwa yonke indawo njengomntu phambi komthetho.
32
33 Inqaku lesi‐7
34 Bonke abantu bayalingana phambi komthetho kwaye benamalungelo ngaphandle kocalu‐calulo ngokulinganayo kukhuseleko lomthetho. Bonke abantu banelungelo lokhuselo olulinganayo oluchasene naluphina ucalu‐calulo olwaphula le nkcazelo, nangokuchasene neendlela zothelekiso kucalu‐calulo.
35
36 Inqaku lesi‐8
37 Wonke umntu unelungelo loncedo lwesiphumo sobuchule benkundla yamatyala esizwe ngokomthetho owaphula iimfanelo ezibalulekileyo ezinikelwa ngumthetho wolawulo.
38
39 Inqaku le‐9
40 Akukho namnye oza kubanjwa ngendlela engaqondakaliyo, abe libanjwa okanye abe selubhacweni.
41
42 Inqaku le‐10
43 Wonke umntu unelungelo elipheleleyo elilinganayo nelilungileyo nokuxoxwa kwetyala esidlangalaleni yinkundla ezimeleyo okanye inkundla zamatyala ezingakhethi cala ekumisweni kwamalungelo nemfanelo zoluntu kunye naluphi na ulwaphulo mthetho amangalelwe ngalo.
44
45 Inqaku le‐11
46
47
48 Wonke umntu omangalelwe kuba enetyala, unelungelo lokubonwa engenatyala ade abe ufunyenwe enetyala ngokwasemthethweni kwinkundla yamatyala apho ebe nesiqiniseko esifanelekileyo sokhuseleko.
49
50
51 Akukho namnye oya kufunyanwa enesohlwayo setyala ngenxa yomthetho okanye ukushiya isenzo esingamisa isohlwayo setyala, ngaphantsi kwamatyala esizwe nawezizwe‐jikelele, nangexesha lokwenzeka kwetyala. Nakuba kubekwe isigwebo esinzima kunesiya esasisetyenziswa ngexesha lokwenzeka kwetyala.
52
53
54
55 Inqaku le‐12
56 Akukho namnye oya kuphazanyiswa kubomi obubobakhe, kusapho lwakhe, kwikhaya lakhe okanye ngokwembalelwano, nokuba kukuhlaselwa okuhlisa isidima nodumo lomntu. Wonke umntu kufanelekile ukuba akhuselwe ngumthetho ekuphazanyisweni okanye kuhlaselo.
57
58 Inqaku le‐13
59
60
61 Wonke umntu unelungelo lokuhamba nokuhlala phakathi kwemida yasebuRhulumenteni.
62
63
64 Wonke umntu unelungelo lokushiya nokuba leliphi ilizwe nelakhe ngokunjalo kwaye aphinde abuyele kwelakhe ilizwe.
65
66
67
68 Inqaku le‐14
69
70
71 Wonke umntu unelungelo lokucela aze axhamle indawo yokhuseleko elubhacweni kwamanye amazwe.
72
73
74 Eli lungelo alinakukhuselwa wakumangalelwa ngenyaniso engenamvelaphi, ulwaphulo‐mthetho olungenazipolitiki okanye kumthetho ochasene neenjongo zomthetho‐siseko zeZizwe ezimanyeneyo.
75
76
77
78 Inqaku‐15
79
80
81 Wonke umntu unelungelo lobuhlanga.
82
83
84 Akukho namnye oya kuhluthwa ubuhlanga bakhe okanye ahluthwe ilungelo lokutshintsha ubuzwe bakhe.
85
86
87
88 Inqaku le‐16
89
90
91 Amadoda namakhosikazi aselekhulile, ngaphandle kokuthintelwa ngenxa yobuhlanga, ubuzwe okanye inkolo, banelungelo lokutshata babe nosapho. Banamalungelo alinganayo emtshatweni naxa sewuqhawukile.
92
93
94 Kuya kutshatwa ngokukhululekileyo nangokupheleleyo ngemvume yabo baza kuba ngumyeni nenkosikazi.
95
96
97 Usapho lusisisekelo esibalulekileyo sendalo kuluntu kwaye lunelungelo lokhuseleko oluvela kuluntu nakuRhulumente.
98
99
100
101 Inqaku le‐17
102
103
104 Wonke umntu unelungelo lokuba nezinto ezizezakhe yedwa kunye nezo azidibanele nabanye.
105
106
107 Akukho namnye oyakuhluthwa athathelwe izinto zakhe.
108
109
110
111 Inqaku le‐18
112 Wonke umntu unelungelo leengcinga ezikhululekileyo isazela nokholo, eli lungelo liquka inkululeko yokutshintsha ukholo lwakho okanye ukukholwa nenkululeko yoko unokukwenza wedwa okanye nobudlelwane nabanye nokuba kusesidlangalaleni okanye emfihlakalweni, ukucacisa inkolo yakho okanye ukukholelwa kwimfundiso, ukwenza unqulo nokugcina izithethe.
113
114 Inqaku le‐19
115 Wonke umntu unelungelo lokucinga nokuthetha ngokukhululekileyo, eli lungelo liquka inkululeko yokuveza uluvo lwakhe ngaphandle kokuphazamiseka nokuzama ufumana ukuze udlulise ulwazi neengcinga nangaziphi na iintlobo zosasazo nokuba kukweyiphi na imida.
116
117 Inqaku la‐20
118
119
120 Wonke umntu unelungelo lenkululeko yeendibano zoxolo kunye neentlanganiso zoxolo.
121
122
123 Akukho namnye oya kunyanzeliswa ukuba abe lilungu lentlangano.
124
125
126
127 Inqaku la‐21
128
129
130 Wonke umntu unelungelo lokuthabatha inxaxheba kwezobuRhulumente belizwe lakhe ngqo okanye ngokusetyenziswa kwamalungu akhethiweyo.
131
132
133 Wonke umntu unethuba elilinganayo lokusebenzela uRhulumente welizwe lakhe.
134
135
136 Intando yoluntu iya kuba sisisekelo sempatho kaRhulumente; le ntando iyakubonakaliswa ngamaxesha athile nangobunyani belungelo lovoto eya kwenziwa ngokufihlakeleyo okanye ngendlela elinganayo yokuvota ngenkululeko.
137
138
139
140 Inqaku la‐22
141 Wonke umntu njengelungu lombutho woluntu, unelungelo lokhuseleko lombutho woluntu kwaye enelungelo lokuphumeza, ngeenzame zobuzwe nangemvisiswano zamazwe nangokuvumelana nemibutho namacebo obuRhulumente ngokwezoqoqosho, ezentlalo namalungelo amasiko neemfanelo zesidima nenkululeko engenkqubela‐phambili yobuntu bakhe.
142
143 Inqaku la‐23
144
145
146 Wonke umntu unelungelo lokusebenza, ukuzikhethela umsebenzi ngokukhululekileyo, ubulungisa neemfuneko ezifanelekileyo zomsebenzi, kunye nokukhuseleka okuchasene nokungabinamsebenzi.
147
148
149 Wonke umntu ngaphandle komkhethe, unelungelo lomvuzo olinganayo ngomsebenzi olinganayo.
150
151
152 Wonke umntu osebenzayo unelungelo lobulungisa bokukhetha intlawulo ukuqinisekisa ukuba yena nosapho lwakhe baphila impilo enexabiso nesidima sobuntu, eya kuthi yongezwe kwakuba nemfuneko, ngezinye iindlela zokukhusela intlalo yoluntu.
153
154
155 Wonke umntu unelungelo lokubumba okanye abe lilungu lweemanyano zorhwebo, ukukhusela iimfanelo zakhe.
156
157
158
159 Inqaku la‐24
160 Wonke umntu unelungelo lokuphumla nokuba nexesha lokuphola, kunye namaxesha avumelekileyo okusebenza namaxesha eholide ezuza umvuzo.
161
162 Inqaku la‐25
163
164
165 Wonke umntu unelungelo lentlalo esemgangathweni ngokuphila impilo efanelekileyo kunye nosapho lwakhe, kunye nokutya, impahla, indawo yokuhlala, unyango kunye neenkonzo ezibalulekileyo zentlalo, kwanelungelo lokhuseleko wakungasebenzi, wakugula, wakuba ngumlwelwe, ngumhlolokazi, ngumdli‐mhlalaphansi okanye wakuswela impilo ngokungalawulekiyo.
166
167
168 Ubunina nobuntwana bulungelwe yinkathalelo ebalulekileyo kunye noncedo olukhethekileyo. Bonke abantwana nakuba bengazalwa emtshatweni mabaxhamle ukhuseleko lwentlalo ngokulinganayo.
169
170
171
172 Inqaku la‐26
173
174
175 Wonke umntu unelungelo lemfundo. Kuza kuba nomfundaze kwabaqalayo nakwimigangatho ebalulekileyo. Imfundo yabaqalayo iya kunyanzeliswa. Imfundo ngezobugcisa kunye nokufundela umsebenzi kuya kwenziwa ukuba kufumaneke kanti imfundo ephakamileyo nayo iya kwenziwa ukuba ifumaneke ngokulinganayo kuluntu lonke njengesiseko sempumelelo.
176
177
178 Imfundo iza kujoliswa ngqo kwinkqubela phambili epheleleyo yoluntu nokomelezwa kwentlonipho yamalungelo oluntu nokubaluleka kwenkululeko. Iza kuxhasa imvisiswano, ukunyamezelana nobuhlobo phakathi kwezizwe, ubuzwe, namaqela eenkolo eyakuthi iphuhlise umsebenzi wamazwe jikelele ukuze kugcinwe uxolo.
179
180
181 Abazali banelungelo elibalulekileyo lokukhetha uhlobo lwemfundo eyakuthi ifundiswe abantwana babo.
182
183
184
185 Inqaku la‐27
186
187
188 Wonke umntu unelungelo lokuthabatha inxaxheba ngokukhululekileyo kwinkqubela yelizwe lakhe, onwabele inkcubeko kunye nesabelo senkqubela phambili yenzululwazi kunye noncedo lwezo zinto.
189
190
191 Wonke umntu unelungelo lokhuseleko, lwempatho kunye nezo zinto athi azithande ezithi zibe ziziphumo zezayo nayiphina inkqubela, ubuchule bokufunda nokubhala okanye ubugcisa bemveliso yombhali.
192
193
194
195 Inqaku la‐28
196 Wonke umntu unelungelo lentlalo yoluntu kunye neyezizwe‐jikelele apho amalungelo nenkuleleko alenkcazo‐jikelele athi amkeleke khona.
197
198 Inqaku la‐29
199
200
201 Wonke umntu kufuneka asebenzele uluntu aphila phakathi kwalo, apho inkululeko nenkqubela‐phambili epheleleyo neyamkelekileyo yoluntu ithi ifumaneke khona.
202
203
204 Ekusebenziseni amalungelo nenkululeko, wonke umntu uya kuba phantsi kwempembelelo ezimiselwe ngumthetho ngezizathu zokuqinisekisa ulwamkeleko ngentlonipho yamalungelo nenkululeko yabanye, ukuhlanganiswa kweemfuneko yokuziphatha kakuhle, esidlangaleni nentlalo‐ntle ngokolawulo lwedemokrasi.
205
206
207 La malungelo neenkululeko zoluntu mawangasetyenziswa ngendlela ephikisana neenjongo nemithetho yamazwe abumbeneyo.
208
209
210
211 Inqaku la‐30
212 Le nkcazo‐jikelele mayingatolikwa ngenjongo yokuba imele ezobuRhulumente, iqela okanye umntu owenza isithembiso okanye osenzo sineenjongo ezingatshabalalisa nokuba ngowuphi na umqathango wamalungelo kunye neenkululeko zoluntu ekuthethwa ngazo apha.
213